Zolile Mpambani (CU)


04 - 11 - 98

Xhosa - English - Portugese
 

IIMVAKALELO ZAM NGOMHLA WOKUQALA WENTLANGANISO.

Kolunye lweentlanga ezikhoyo eMzantsi Afrika kukho isiko lokuba, akuba ezelwe umntwana ufukanywa endlwini ixesha elingangenyanga. Emva koko usengakhutshwa. Intsingiselo yoko andikayibuzi. Kuyakuthi mhla kwana imvula okokuqala abekwe phaya ebaleni endaweni anamanzi abalekayo enethwa yimvula. Kuthiwa uyahlanjululwa imimoya emibi andule ukwamkelwa. Ngokungathandabuzekiyo uyakuthi engeniswa endlini abe esithi tixi ukuba manzi oku.

Ukufika kweenyosi ezinkulu ezingabaphathi bomhlangano kumaphondo ahlukeneyo omhlangano kwilizwe liphela ndingakufanisa namachaphaza emvula amane ukuthi chapha chapha esandulela isandyondyo semvula. Ndiye ndaqonda kakuhle ukuba ixesha lam lokubekwa phandle emvuleni lifikile kuba kaloku nam ndimtsha kraca kwesi sikhundla. Kube njalo kanye kuba olu suku lokuqala lwentlanganiso lufane nqwa nezandyondyo nezantyalantyala zemvula zinetha umntwana obekwe phandle waza wangeniswa endlini apho afumene ubushushu bokwamkelwa ngothando nothakazelelo ngabazali bakhe.

Iqalile ke intlanganiso iqala ngodlwabevu lwedini obelukhokelwe yenkulukazi inyosi engu Fr. General ngokwakhe. Uthe intlanganiso yethu angayifanisa noroxa, kwanezifundo eziqhubekayo, yaye iqhutywa nguMoyo oyiNgwele ngokwakhe, isigaba sokuqala senkonzo yeLizwi siqale kwigumbi lentlanganiso. Kwintshumayelo yakhe ukhankanye ukuthungelana kwenkumbulo yenkqubo yenkonzo, ukushunyayelwa kwelizwi nenkqubo yomhlangano ezinza umzobo wenkqubo yezokomoya. "Akukho senzo sabaphathi esisisiphelo saso yaye singenakuba naziphumo ukuba asisekelwanga ziimfefe zikaQamata. Uqhubele phambili ekhankanya ukuba mayingasisitheli into yokuba sibanye. "Sint Unum." Ephuma etsolile kowakhe umlomo uthe, "Sithetha ngokuqinisekesa kwakho, ngengqiqo egqibeleleyo nangokuzikhethela, sithetha ngobunye bethu, ubudlelane, ukwabelana ngezinto, ngabantu kwanobuZwelonke bomthetho sikhokelo womchongi wethu ongu tata uDehon. Uqhubele phambili ekhuthaza wonke okhoyo ukuba angaze awasuse amehlo akhe kwinjongo yomhlangano yokuya ebantwini abayiswelayo. Unike nezinye iinkuthazo. Emva koko siye eCaweni apho siye sangibezela ngenkonzo yomthendeleko.

Emva koko intlanganiso iqale ngolukhulu uthakazelelo. Kwakho unjengele wamkele wonke okhoyo ngezishushu ezi izandla esithi babaxibilikise imixakatho baxhome iibhatyi zabo. Ndiwabonile amadoda etsho ngolugoso uncumo, nokuba ibindim ndedwa? Hayi andiqondi kuba asindim ndedwa omtsha kulentlangaiso. Ngako oko ibingendimkuphela obe encumile.

Kwintetho yakhe unjengele ukhankanye ukuba iphondo ngalinye kufanele liyiqiqe, liyizikise liyiqhubele phambili into equlethwe yinwadi ethi: "We, the Congregation, in service to the mission." Abantu mabazive bethabatha inxaxheba bayenze eyabo. Loo nto ithethe ukuthi ndoda nganye esemhlanganweni kufuneke itshintshe umqonqo nentliziyo yayo ukuze ikwazi ukuyamkela. Asiyoyeenkenenkene. Zininzi nezinye izinto athethe ngazo eniyakuziva kwiingxelo ezilandelayo.

Oko ndafikayo apha kwelase Roma ndisiva yaye ndiqhagamshelana nabaphathi maphondo ngamaphepha kuphela nangomnxeba ubuso ndingabazi. Ibe yinto entle ukubo abo bantu ubuso ngobuso. Ngoku ndingatsho ukuthi lo mfanekiso uyagqibelela. Ngaphandle koko le ntlanganiso yenye yezinto ezandisa ulwazi lwam lomhlangano wethu. Iya ikhula ngokukhula into yokuba lo mhlangano awukho eMzantsi Afrika kuphela, okanye kula maphondo endibe nethamsanqa ukuwabona phambi kokuba ndize apha eRoma. Ikwilizwe lonke. Wanga umoya we "We, the Congregation, in service to the mission" ungaphila kwilungu ngalinye lomhlangano. UQamata asisikelele asithamsanqelise.

Fr. Zolile Mpambani scj
(General Council)
 

MY IMPRESSIONS ON THE FIRST DAY OF THE SUPERIORS MEETING.

In one of the South African tribes there is a custom that, when a baby is born, for a month s/he may not be taken outside. I never sought the explanation. After a month when s/he has been taken out of the house, whe it rains for the first time, s/he will be put outside in the rain for a few minutes, on a place where water would be running. You do not need to guess that by the time s/he is brought in s/he will be soaking wet. The explanation to that is to purify him/her and accept her at home.

As the Provincials, the regional superiors and the superiors of the communities of MAD, PHI & IND, arrived, being a first experience for me, both as a religious and in the general council to be in such a meeting, it felt like the first drops of the havy rain that was coming. I knew that my period of purification and acceptance into this place has come. Today, the first day of our meeting, theoretically felt, to me, like the heavy rain pouring on the child put outside and brought in the house to feel the welcome and the wormth of the family members after a few moments of criying. Somehow overwhelming. But I really felt amongs my brothers.

The proceedings of the day were preceded by a very prayerful Eucharistic Celebration whose precedent was Fr. General himself. To show that our meeting is also a 'kind of a retreat, ongoing formation and that it derives its inspiration and its guidance from the Holy Spirit,' the first part of the Eucharist, the Liturgy of the Word started in the confrerence room. In his sermon he spoke about the intertwining of the liturgical memory, proclaimed word and the congregational event which design a spiritual itinerary. "No government action is its own end, and it can not be effective without the grace of God," he said. He further highlighted and reaffirmed the fact that we are one "Sint Unum."In his words: "We are talking about reaffirming, with understanding and adequate choices, our Sint Unum; our communion, our congregational fraternity, our sharing of projects, personnel, means and the universal dimention of the charism of Fr. Dehon." He went on to encourage everybody present never to lose sight of the final aim: the mission of the congregation. He gave many other exhortations. From there we moved in a very solemn procession to the chapel, singing a song to the Holy Spirit, where we culminated with the liturgy of the Eucharist.

Thereafter the meeting started with great enthusiasm. Some very warm welcoming words once more, which made everybody really feel at home were extended to all by Fr. General. I could see some smiles of approval and faces brightening up, or was it only mine? I definitely was not the only new person in the in this kind of a gathering, therefore it was not only mine.

The opening speech of Fr. General, highlighted the fact that every province, region and community needs to understand, deepen and promote the plan, "We, the congregation, in service to the mission." People need to feel involved and part of it, not only in theory, but also in practice. This calls for a change of heart and mentality. He went on to speak about many other important things to note. The afternoon was devoted to the geographic area group discussions. You will definitely have a full report on them soon.

Since I came to Rome I have heard about, and I have dealt with so many provincials and superiors, but only on paper. It was, thererore, such a wonderful experience to be able to reconcile the names with the faces. Now the picture is getting complete, what a change? Besides that this meeting is one of those experiences that keep on widening my scope of the congregation as well as increasing my experience. I am ever growing in the understanding that the SCJ congregation is not only in South Africa, where I came from, or in the few provinces I was so fortunate to see before I came to Rome. It is international. May the spirit of "We, the Cngregation, in service to the mission" be alive in every member of the congregation. May god bless us all.

 

Fr. Zolile Mpambani scj

(General Council)

 

MINHAS IMPRESSÕES SOBRE O PRIMEIRO DIA DO ENCONTRO DE SUPERIORES.

Como uma criança recém nascida

Numa das tribos da Africa do Sul há o costume de a criança não sair de casa por um mês depois de nascer. Nunca se soube o por quê. Depois de um mês, se chover, ela é levada para fora e exposta à chuva. E uma espécie de rito de purificação.

Os Provinciais, Regionais e outros superiores chegaram. Para mim foi a primeira experiência foi como sentir os primeiros pingos da chuva. Hoje, no primeiro dia da reunião, senti uma chuva forte caindo na crança exposta fora ao sentir a acolhida da casa foi como sentir o calor dos familiares depois de im pouco de choro. Me senti de fato entre irmãos.

O dia foi iniciado por uma verdadeira celebração eucarística, presidida pelo Superior geral.. Para dizer que nosso encontro é uma espécie de retiro e de formaçao permanente, guiada pelo Espírito Santo, a primeira parte da Eucaristia, a Liturgia da Palavra começou na sala de conferências. Em sua homilia, o Geral falou do itinerário espiritual da Cngregaçªao. " O governo não existe para si mesmo e não será eficaz sem a graça de Deus.

Depois, ele enfatizou que somos um só. Nós queremos reafirmar o Sint Unum, nossa comunhão, nossa fraternidade, nossa partilha de projetos, de pessoal, de meios e o carisma universal de Pe. Dehon.

Ninguém de nós deve perder de vista nosso objetivo final.: a missão da Congregação. Ele ainda fez várias outras exortações.

Fomos então, numa verdadeira procissão para a capela, cantando ao Espírito Santo e, ali, concluimos a celebração.

A reunião prosseguiu com grande entusiasmo. As palavras de boas-vindas foram calorosas, o que fez todos se sentirem em casa. Pude perceber os sorrisos de aprovação no rosto de todos. Eu não era o único novato neste tipo de reunião.

As palavras de abertura do Geral ressaltaram o fato que cada Província, Regiao e comunidade deve compreender, aprofundar e promover o projeto Nós Congregação. O pessoal tem que se sentir envolvido nele, o que exige uma mudança, uma conversão.

O Geral mencionou ainda outras coisas importantes.

De tarde houve os debates em grupos geográficos.

Antes de vir a Roma eu tinha entrado em contato com muitos provinciais e regionais mas só no papel. Foi uma experiência maravilhosa conciliar os nomes com os rostos. Agora o retrato está completo. Além do mais, este tipo de reunião é uma das experiências que alarga a visão de Congregação e enriquece a gente. Sempre fui formado sabendo que a Congregação não existe só na África do Sul, de onde venho. Ela é internacional. Que o Espírito do Nos Congregação esteja vivo em cada membro da Congregaçãoo e que Deus nos abençôe a todos.